Abstract: Le thisisi inamabali amafutshane angabantu abathandana besisini esinye. Uncwadi lwesiXhosa luvame ukulufihla uthando oluphakathi kwabo bathandana besisini sinye. Isikrweqe endisisebenzisileyo kule thisisi kukunonga isimbo sokubhala ndibalisa ngomntu wokuqala ngokungathi ndibhala imbali yobomi okanye amavo. UJordan (1940) kwiNgqumbo Yeminyanya undifundise ukubumba abalinganiswa abakhaliphileyo, nabakrelekrele ngokufanayo ukuze izinto eziza kwenzeka zingalindeleki. UYuknavitch (2017) kwincwadi yembali yakhe ethi The Chronology of Water undifundise esi simbo sokushicilela izimbo zomntu ophilayo phantsi komthamo omnye. Ibali elifutshane likaProulx (1997) elithi Brokeback Mountain nalo libe nefuthe kakhulu kule thisisi kuba lidandalazisa elubala intlalo yabantu abathandana besisini esinye kwiindawo zasemaphandleni. ; Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
No Comments.